Le ngqokelela yemibongo, ngosiba lweqela leembongi, neziquka umakhwekhwetha kampondozihlanjiwe, uNjingalwazi Nomsa Satyo, ibonakalisa phandle ubaluleko lwelima. Ukucinga kweembongi akufani; uluvo lwakhe nabani na luyabaluleka xa kubangulwa izinto ezinxakamisa umzi. Ziliqela ke izinto ezinxakamisa umzi, zathi zazipenapenisa neembongi, zathunakala zathetha. Kakade imibongo yinto yaloo nto; ukwakha, ukugxeka, ukunyemba, ukuncoma, ukuyala, nokukhalima. Injalo nje imbongi, kungenjalo umbhali, akunakummangalela ngoba esithi ulisela, ngoba uthetha okanye ithetha isemoyenni ihlaba isimilo esitenxileyo