Purchase This Book
This is an external link.

Asukungcwabana Ngabantwana Nezinja

Published By - Sibongile Maputi
Author - Sibongile Maputi

Book Description


Ukuphakamisa isandla kwiqabane lomzali wakho, nokuba imeko ithini, bubundlavini nokusa. La magama eli nyange athi: Asukungcwabana ngabantwana nezinja, awakhutshwanga nje; lizikisile ukuwacinga lixhelekile, lixhalele into esaya kukwenzeka ngenxa yezimilo ezilabalabayo kubantwana abangamakhwenkwe. Le nto ke iqala kancinci, bateketiswe abantwana begeza, kumana kusithiwa boy. Amaxesha amaninzi isimilo esikumila kunje siphenjelelwa luthando lwabazalikazi, betshatile bengatshatanga. Akuphumela ngaphandle umntwana, akukho bani unokumxelela nto ngoba isimilo sakhe samkelekile ekhaya. Amadoda akhoyo, nayaziyo indlela, akhetha ukuthula ngoba wonke umntu yindoda phofu nawornaxakwe kumakhaya awo. Intetho yamanyange nethi: inyathi ibuzwa kwabaphambili, ayisenantsingiselo, ifana nomolo. Fundani bantwana bethu.


Reviews


8.5 Superb Based on 4 reviews
Food Quality
9.0
Service
9.5
Punctuality
6.0
Price
6.0
There are no reviews at the moment! Be the first to review Add Review